Kweli qela lethu labafundi. Nanga amagqabatshintshi abhalwe ngumfundi ngamnye ngo bomi bakhe.
Molweni, Igama ndingu Sibongile Koliti, ndi ngumfundi wase Rhodes Dyunivesithi ingunyaka wam wesibini. ndikwangumfundi wesi Xhosa.
Igama lam nguGcina Swartbooi, ndineminyaka emyi20. Ndikhulele eGcuwa kwilali yaseZazulwana. Ndingumntana wokuqgibela, nentombi eyodwa kwabafana abathathu. Ngo1998 siye sayohlala eMonti apho ndiye ndaphumelele khona ibanga leshumi elinabini. Ngoku ndenza unyaka wam wesibini, ndenza iBA.Law, futhi ndinethemba loba kungek’dala ndizoba liqwetha elaziwayo nelihlonitshweyo ehlabathini.
Ndingu Sisipho intombi yakwa Skweyiya.Ndazalelwa eMonti ngomhla we 9th zika Febuwari 1994, Empuma koloni. Kodwa ngokoku hlala ndingo wase Kapa.Ndiyaku thanda ukubhala ingakumbi ngezinto ezenzekayo eluntwini, nange zinto ezenzekayo kwi politiki.Kuyo yonke iminyaka yam yoku funda, azange ndasenza isiXhosa, ndiyaqala apha edyunivesithi. Isizathu kukuba ndifundela ukuba yintatheli, ngoko ndiye ndabona ukuba isiXhosa singandi nceda ngokwandisa isigama sam kulwimi lwesiXhosa, kwazele ndibeyi ntatheli ekwaziyo uku sebenzisa olunye ulwimi ngaphandle kwesiNgesi.
Igama lam ndingu Ongeziwe wakwa Nxokwana. Ndinyintwazana ezalwa ngooMaletha, ooLibele, ooKwangeshe, ooMboyi. Ndine minyaka eyi 19. Ngoko ku hlala, ndingowase Monti kodwa ikhaya liku Centane. Ndenza iBA law apha eRhodes. Ndiqonde uqala konyaka uba makhe ndikhethe ukwenza isiXhosa kuba zange ndisenze kwama banga aphakamileyo esikolo. Ndisithandile isiXhosa and ndaziva ndikonwabele ufunda ngolwimi lwam noku phuhlisa ulwazi lwam lwesi Xhosa
Ndingu Lindokuhle igama. Ifani ngu Msele.Ndingo wase Qonce. Ndiyawuthanda umculo. Ndithanda nodlala ihockey ne pool. Ndiyaku thanda ukubukela oopopayi(cartoons). Ndiyazingca ngobuntu bam kwaye ndiyazithanda zonke izinto ezidibanise neSintu.
Ndingu Zininzi Anele Bomoyi ndingowase Bizana ndafunda eUKZN emNgungundlovu. Ndenza iziifundo zam kwi B social science ne law . ndenze i’honours ne masters kwi psychology. Ngoku ndisebenza e’Rhodes Counselling Centre ndiphende futhi ndibe yiwarden e’Thomas Pringle house eRhodes University. Ndinomdla kwisiXhosa ngoba ndicinga ukuba sinako ukuthuthukisa uluntu xa sinokusifunda kumaziko efunda ephakemeyo. Ndingumntu othanda abantu futhi ndiyathanda ukusebenzisana nabantu. Xandinethuba ndithanda ukumamela umculu ndifunde itsomi sesiXhosa.
Enye yezizathu yokuba sizingce ngobu Xhosa bethu! Kumnandi kwaXhosa:) |
No comments:
Post a Comment