About Me

My photo
Singaba fundi abafunda ulwimi lwesiXhosa. sifuna ukuphucula nokuphulisa ulwimi lwethu. IsiXhosa siyasithanda, sifuna ukuba uluntu lube nolwazi nomdla kwisiXhosa

Monday 11 March 2013


Ingaba umntu xa efile ufa isiphelo okanye bukhona ubomi obungapha kobu?
Oyena mbuzo obuzwa kakhulu ngabantu ngowokuba ukufa kulungile okanye akulunganga.  Abantu abaninzi bayakuvuyela ukuphila ngenxa yezinto abanazo, nokubamnandi koku phila, babe becinga ukuba ukufa kona akulunganga kuba kaloku umntu ilahlekelwa bubomi.  Ingaba ukufa nyani akulunganga, okanye abantu boyika ukunga bikho emhlabeni?
Ukufa kona akuyo ngxaki.  Umntu xa efile uyasuka emhlabeni, angabikho apha phakathi kwethu, lonto ke ayongxaki kuba umntu ngaphambi kokuba azalwe wayengekho, nto leyo ethetha ukuba asikho isidingo sokuba soyike ukufa.
Abantu abaninzi boyika ukufa kuba baye bazame ukucinga ukuba inokuba kunjani ukufa, nto leyo ingabadlanga ncam kuba kaloku akekho umntu ophilayo onokwazi ukucinga ukuba ukufa kunjani kuba kaloku sisa phila nje asikwazi kunjani kona ukufa.  Eyona nto ingamandla yile yokuba abantu baye badibanise ukufa nentlungu, yilo nto bekoyika.
Indlela ekuye kuzilwe ngayo xa umntu ebhubhile ibuhlungu kwaye yenza amasikizi, nto leyo nayo ebangela ukuba soyike kangaka ukufa.  Abantu abaninzi baye balindele okona kwakhe kwakubi xa becinga ngale nto ikukufa.  Kukho intetho ethi ‘into ongayaziyo ayisoze ikukhathaze” ngoko ke asikho ke nyani isidingo sokuba soyike ukufa.
Umbhali we Philosophy uNagel uye asixelele ukuba asikho isidingo sokoyika ukufa kuba kaloku phambi kokuba woyike into, kufuneka ibe lo nto ayikulungelanga, kwaye ke ukufa akufanelanga ukuba kungaku lungeli wena mntu ufileyo kuba kaloku awusekho kwaye awuva nto.
Ukufa singabantu sikoyika kuba soyika ukungabikho emhlabeni, kwaye soyika ukuphoswa bobu bomi bumnandi sibu philayo.  Ukufa akuzosi xhaphaza kuba kaloku akuchaphazeli mntu lo ufileyo, kodwa kufane kuchaphazeleke aba bashiyeka ngemva emhlabeni.

No comments:

Post a Comment