About Me

My photo
Singaba fundi abafunda ulwimi lwesiXhosa. sifuna ukuphucula nokuphulisa ulwimi lwethu. IsiXhosa siyasithanda, sifuna ukuba uluntu lube nolwazi nomdla kwisiXhosa

Friday 15 March 2013

Lemifanekiso ibonisa iSintu sakwa Xhosa ukuba sihlala njani, amasiko ethu nokuba sinxiba njani.











Kweli qela lethu labafundi. Nanga amagqabatshintshi abhalwe ngumfundi ngamnye ngo bomi bakhe.
Molweni, Igama ndingu Sibongile Koliti, ndi ngumfundi wase Rhodes Dyunivesithi ingunyaka wam wesibini.  ndikwangumfundi wesi Xhosa.
Igama lam nguGcina Swartbooi, ndineminyaka emyi20. Ndikhulele eGcuwa kwilali yaseZazulwana. Ndingumntana wokuqgibela, nentombi eyodwa kwabafana abathathu. Ngo1998 siye sayohlala eMonti apho ndiye ndaphumelele khona ibanga leshumi elinabini. Ngoku ndenza unyaka wam wesibini, ndenza iBA.Law, futhi ndinethemba loba kungek’dala ndizoba liqwetha elaziwayo nelihlonitshweyo ehlabathini.
Ndingu Sisipho intombi yakwa Skweyiya.Ndazalelwa eMonti ngomhla we 9th zika Febuwari 1994, Empuma koloni. Kodwa ngokoku hlala ndingo wase Kapa.Ndiyaku thanda ukubhala ingakumbi ngezinto ezenzekayo eluntwini, nange zinto ezenzekayo kwi politiki.Kuyo yonke iminyaka yam yoku funda, azange ndasenza isiXhosa, ndiyaqala apha edyunivesithi. Isizathu kukuba ndifundela ukuba yintatheli, ngoko ndiye ndabona ukuba isiXhosa singandi nceda ngokwandisa isigama sam kulwimi lwesiXhosa, kwazele ndibeyi ntatheli ekwaziyo uku sebenzisa olunye ulwimi ngaphandle kwesiNgesi.
Igama lam ndingu Ongeziwe wakwa Nxokwana. Ndinyintwazana ezalwa ngooMaletha, ooLibele, ooKwangeshe, ooMboyi. Ndine minyaka eyi 19. Ngoko ku hlala, ndingowase Monti kodwa ikhaya liku Centane. Ndenza iBA law apha eRhodes. Ndiqonde uqala konyaka uba makhe ndikhethe ukwenza isiXhosa kuba zange ndisenze kwama banga aphakamileyo esikolo. Ndisithandile isiXhosa and ndaziva ndikonwabele ufunda ngolwimi lwam noku phuhlisa ulwazi lwam lwesi Xhosa
Ndingu Lindokuhle igama. Ifani ngu Msele.Ndingo wase Qonce.  Ndiyawuthanda  umculo. Ndithanda nodlala ihockey ne pool. Ndiyaku thanda ukubukela oopopayi(cartoons). Ndiyazingca ngobuntu bam kwaye ndiyazithanda zonke izinto ezidibanise neSintu. 
Ndingu  Zininzi Anele Bomoyi ndingowase Bizana ndafunda eUKZN emNgungundlovu. Ndenza iziifundo zam kwi B social science ne law . ndenze i’honours ne masters kwi psychology. Ngoku ndisebenza e’Rhodes Counselling Centre ndiphende futhi ndibe yiwarden e’Thomas Pringle house eRhodes University. Ndinomdla kwisiXhosa ngoba ndicinga ukuba sinako ukuthuthukisa uluntu xa sinokusifunda kumaziko efunda ephakemeyo. Ndingumntu othanda abantu futhi ndiyathanda ukusebenzisana nabantu. Xandinethuba ndithanda ukumamela umculu ndifunde itsomi sesiXhosa.


Enye yezizathu yokuba sizingce ngobu Xhosa bethu! Kumnandi kwaXhosa:)


Monday 11 March 2013


Ingaba umntu xa efile ufa isiphelo okanye bukhona ubomi obungapha kobu?
Oyena mbuzo obuzwa kakhulu ngabantu ngowokuba ukufa kulungile okanye akulunganga.  Abantu abaninzi bayakuvuyela ukuphila ngenxa yezinto abanazo, nokubamnandi koku phila, babe becinga ukuba ukufa kona akulunganga kuba kaloku umntu ilahlekelwa bubomi.  Ingaba ukufa nyani akulunganga, okanye abantu boyika ukunga bikho emhlabeni?
Ukufa kona akuyo ngxaki.  Umntu xa efile uyasuka emhlabeni, angabikho apha phakathi kwethu, lonto ke ayongxaki kuba umntu ngaphambi kokuba azalwe wayengekho, nto leyo ethetha ukuba asikho isidingo sokuba soyike ukufa.
Abantu abaninzi boyika ukufa kuba baye bazame ukucinga ukuba inokuba kunjani ukufa, nto leyo ingabadlanga ncam kuba kaloku akekho umntu ophilayo onokwazi ukucinga ukuba ukufa kunjani kuba kaloku sisa phila nje asikwazi kunjani kona ukufa.  Eyona nto ingamandla yile yokuba abantu baye badibanise ukufa nentlungu, yilo nto bekoyika.
Indlela ekuye kuzilwe ngayo xa umntu ebhubhile ibuhlungu kwaye yenza amasikizi, nto leyo nayo ebangela ukuba soyike kangaka ukufa.  Abantu abaninzi baye balindele okona kwakhe kwakubi xa becinga ngale nto ikukufa.  Kukho intetho ethi ‘into ongayaziyo ayisoze ikukhathaze” ngoko ke asikho ke nyani isidingo sokuba soyike ukufa.
Umbhali we Philosophy uNagel uye asixelele ukuba asikho isidingo sokoyika ukufa kuba kaloku phambi kokuba woyike into, kufuneka ibe lo nto ayikulungelanga, kwaye ke ukufa akufanelanga ukuba kungaku lungeli wena mntu ufileyo kuba kaloku awusekho kwaye awuva nto.
Ukufa singabantu sikoyika kuba soyika ukungabikho emhlabeni, kwaye soyika ukuphoswa bobu bomi bumnandi sibu philayo.  Ukufa akuzosi xhaphaza kuba kaloku akuchaphazeli mntu lo ufileyo, kodwa kufane kuchaphazeleke aba bashiyeka ngemva emhlabeni.